Sanele kaNtshingana
Abstract
IsishwankatheloUlawulo lwentando yesininzi eMzantsi Afrika lujamelene nemingeni eliqela equka ukurhuqa inqwina yeentshekela zexesha localu-calulo nobukoloniyali kwingqiqo ngesizwe, umbuso, namalungelo. Le mingeni kwingqiqo ibonakala kakhulu kwiziseko zoburhulumente eziquka iintsika ezifana nobunkokheli bomthonyama, nokugunyazisa oko ngemithetho eliqela emva kuka-1994. Iinkcubabuchopho nababhali abayixhokonxayo le ngqiqo esisiseko solawulo lwesi sizwe sitsha zithi ziliqela iingxaki kule ngqiqo ukuquka ukucinga ngomthetho njengento engatshintshiyo, ehleli ifana ngalo lonke ixesha. Eli nqakulibonisa ukuba le ngxubaxaka ijamele iingcingane yolawulo nomthetho ayinto intsha kweli laseMzantsi Afrika. Iinkcuba-buchopho neengqondi eziphum’izandla kwixesha lengxwabangxaba notshintso eMzantsi Afrika zazibhica, zicubungula, zigqogqa ngosiba iimeko zokuphila, amalungelo nolawulo, zikwakhokhelisa iindlela ezintsha zokucinga.ngolawulo. Eli nqaku ngoko ke, lipicotha ibali elibhalwe ngenye yezincuba buchopho, uSamuel Edward Krune Mqhayi ngo-1914, Ityala Lamawele. Eli bali libhalwe emveni kwesithonga sokusekwa umanyano lo Mzantsi Afrika (Union of South Africa). Lijonga ngokutsolo ingqiqo nobuncwane ububhalwe nguMqhayi ngomthetho, nobulungisa ngokupicotha la magama, inkundla, umthetho nobulungisa, nzulu. Eli nqaku lugqala iimfundiso zeli bali ekucingeni ngeziseko zobulungisa zorhulumente wentando yesininzi namhlanje kwakutsha.
Citation format
KANTSHINGANA, Sanele. Ingqiqo-nzulu ngobulungisa nomthetho kwi tyala lamawele kwimo yentlekele nenguqu emzantsi afrika. South African Journal on Human Rights, 2026, 41(3-4): 238–259.